fbpx
Freedom Front Plus
Search
Freedom Front Plus

UKUBUYISELA EMGANGATHWENI NOKUPHINDA KWAKHIWE KWESIZWE

Masiphinde siwakhe uMzantsi Afrika! Isicwangciso sokwakha se-FF Plus sibonelela ngezisombululo ezisebenzisekayo kunye nethemba lokwakha ikamva elingcono. Siqulethe:

  • urhulumente onamaqela amaninzi ovalela i-ANC ngaphandle ekuphatheni isizwe kunye nokupheliswa kokuhla komgangatho wangoku;
  • inkqubo yorhwebelwano olukhululekileyo elungiselela ukubuyiselwa emgangathweni nokuphinda kwakhiwe kwesizwe;
  • ukumiselwa korhulumente ophambili omncinci nonendima engephi kubomi babemi;
  • ukubuyiselwa emgangathweni korhulumente wasekuhlaleni;
  • uluntu oluzimeleyo njengesiseko ekwakhelwa kuso;
  • kukhuthazwe ilungelo lokuzilawula koluntu njengento esihlanganisayo; kwaye
  • kupheliswe imithetho ecalucalulayo ngokusekelwe kwibala lomntu.

Isishwankathelo seManifesto ye-FF Plus:

IManifesto kunye noLwakhelo loMgaqo-nkqubo ze-FF Plus zisebenza njengesicwangciso sokwakha isizwe ukuze kusonjululwe ezona ngxaki ziphambili zoMzantsi Afrika kwaye kubuyiselwe izinto emgangathweni. Oku kulandelayo kungundoqo wesi sicwangciso sokwakhiwa kwesizwe:

  • Ukukhuthazwa kwenkqubo yorhwebelwano olukhululekileyo kunye nokufikelela ngokulinganayo kumathuba akhoyo.
  • Ukumiselwa korhulumente ophambili omncinci nosabela ngokukhawuleza kunoku, nongaphazamisani kakhulu nobomi babahlali.
  • Ukukhuthazwa kwesizwe apho wonke umntu elingana ngokomthetho kunye nokupheliswa kwazo zonke iintlobo zobuqhophololo.
  • Ukupheliswa kweAffirmative Action neBlack Economic Empowerment esekelwe kuhlanga; kusetyenziswe iimeko zoqoqosho nentlalo njengemimiselo yokuxhobisa abantu nokukhuthaza amathuba alinganayo kumntu wonke.
  • Ukufezekiswa kwelungelo lokuzilawula koluntu ngokomgaqo-siseko, elamkelwayo ngamazwe ngamazwe.
  • Ukumiselwa kwamabhunga oluntu.
  • Ukunikwa kwamaphondo inkululeko yokuziphatha eyongezelelweyo.
  • Ukumiselwa kwenkqubo yorhulumente wasekuhlaleni omncinane nangakumbi nonemisebenzi ejolise ekuhlaleni nangakumbi.
  • Ukumiselwa kweyunithi yokuphandwa kwamatyala akhethekileyo ukuze kuphandwe imisetyenzana yamagosa kamasipala etyholwa ngokungabi semthethweni – kuqukwa ukwaphulwa kwemithetho yezemimandla esingqongileyo.
  • Ukuncitshiswa kwenkcitho karhulumente; ukuthengiswa kwamaziko oshishino aphantsi korhlulumente; ukunyuswa kwengeniso karhlumente ngokuvuselela ukukhula koshishino; kubonelelwe ngezaphulelo zerhafu; kwaye kumiselwe ikhomishoni yokujongana nemali karhulumente.
  • Ukukhuselwa kwamalungelo eempahla zabucala.
  • Ukutyalwa kwemali kukuphuculwa nokulondolozwa kwegridi yokuhambisa umbane; kuhlangabezwe ukubiwa kombane kwaye kukhuselwe iziseko zokusebenza zombane; kukhuthazwe ukutshintshela kwimithombo yombane ehlaziyekayo, njengeephaneli zombane welanga; kugqityezelwe ukucazululwa kukaEskom abe ngamashishini awohlukeneyo; kuncitshiswe ukubanjwa nokulityaziswa kwezigqibo ezayamene nokukhutshwa kweelayisensi zokuvelisa umbane; kwaye kwenziwe iimeko zolawulo ezikuxabisileyo ukuveliswa kombane ziinkampani zabucala kunye nokhuphiswa kweli candelo loshishino.
  • Kulungiswe imithetho yezengqesho enemiqathango engqongqo ukuze kukhuthazwe ukudalwa kwemisebenzi kube kugcinwa izithethe zezengqesho ezinobulungisa; kudalwe iimeko ezixabisa ukudalwa kwemisebenzi eyongezelelweyo ngamashishini abucala; kupheliswe isithethe esingathwalekiyo sokudala imisebenzi kukarhulumente.
  • Kugcinwe ezemfundo ezinomgangatho ophezulu apho ukufundiswa ngolwimi lwenkobe kufikeleleka kumntu wonke ukuya kufika kwelona nqanaba liphezulu linokuba kho, kwaye kuqhutywe ngabazali kunye noluntu.
  • Ukuphuhliswa koqoqosho lwasekuhlaleni oluzimeleyo kunye nokumiselwa kweeZowuni zoQoqosho Ezikhethekileyo.
  • Kuqaliswe ukukhuselwa kweentlawulo ezibhataliswayo, uphando, ukuphoziswa ngexesha leentlekele kunye nokwakhiwa kweziseko zokusebenza ukuze kube nokuzuza amafama azilimelayo nalimela urhwebo.
  • Ukuphuhliswa kolwakhelo lwemigaqo-nkqubo oluxabisa imimandla esingqongileyo nokunyanzelisa kakuhle imithetho yezemimandla esingqongileyo ukuze kudalwe iimeko ezilulutho zemisebenzi ethwalekayo yezolimo, ezamahlathi kunye nezokuloba.
  • Ukunikezwa kwamanani asikelwe ukuloba ngemilinganiselo emincinci kuluntu oluhlala kwiingingqi eziselunxwemeni nezikufutshane kulo, ngelixa kuthintelwa iinkampani zobuvuvu kunye nokuvuyelelwa kwendalo.
  • Eli lizwe kufanele liyeke iimveliso, izithethe kunye nemithombo yombane etshabalalisa imimandla esingqongileyo; kuyekiswe ukungcoliswa kwaye kukhuthazwe ukurisayikilisha; kubekwe phambili ukusetyenziswa kombane ohlaziyekayo; kubonelelwe ngezaphulelo zerhafu kubantu nakumashishini asebenzisa imithombo eyenye yombane.
  • Ukuqaliswa kwamanyathelo okuthintela ukugecwa kwamahlathi kwaye kukhuthazwe ukubuyiselwa emgangathweni komhlaba apho bekugecwe khona amahlathi.
  • Ukuhlangabezana nokusilela kwenkqubo yezobulungisa yolwaphulo-mthetho ukuze kupheliswe ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nodlwengulo kweli lizwe.
  • Ukubuyisela emgangathweni umthetho kunye nokuhlalisana ngokumisela iiyunithi ezikhethekileyo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela, ukuthengiswa kwabantwana nabantu, ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngamaqela asekiweyo, ubundlobongela bamaqela ootsotsi, ukuthengiswa kweziyobisi kunye nokubulawa kwamafama.
  • Ukubonelela ngonakekelo lwempilo olusemgangathweni ngokuthi kubekwe phambili izakhono endaweni yeenguqu; kuyekwe ukulawulwa ngqongqo kweemedikhali eyidi; kuphuculwe iziseko zokusebenza zonakekelo lwempilo lukawonke-wonke; kumiselwe intsebenziswano phakathi kwamacandelo oshishino karhulumente nawabucala; kurhoxiswe i-NHI Bill.
  • Ukukhuthazwa kwamalungelo eelwimi kunye nokusetyenziswa kweelwimi ezininzi.
  • Ukwakhiwa kobudlelwane namazwe angaphandle ngokusekelwe kukuhloniphana kwaye kukhethwe amazwe asele enobudlelwane bezorhwebo obomeleleyo okanye anakho ukubumisela.
  • Ukuqinisekiswa kolawulo lwemida olubuyisela emgangathweni ukunyaniseka kwemida yelizwe lethu nokuphelisa ukuthutyeleziswa kwezinto ezingekho mthethweni, ezifana nemipu kunye neziyobisi, ziweliswe imida yethu kwakunye nokungena kwabantu ngokungekho semthethweni.

Focus areas

Le Manifesto ibonelela ngesicwangciso sokwakha isizwe esiqulathe ezi ndawo zilishumi kujoliswe kuzo lukhankaso lolonyulo lwe-FF Plus.

  1. Ukwakhiwa kwenkqubo entsha eyamkela ukwahluka kwabantu nekhuthaza ukuzimela koluntu.
  2. Ukuphelisa ubuqhophololo kunye nokuqeshana kwamakheyida ukuze kusonjululwe ingxubakaxaka yezemali karhulumente, ukuphihlizwa kweziseko zokusebenza kunye nokuhanjiswa kweenkonzo okungekho semgangathweni.
  3. Ukubuyisela emgangathweni ukubonelelwa kombane ngokuthembekileyo.
  4. Ukuphinda kwakhiwe koqoqosho ngokukhuthaza inkqubo yorhwebelwano ekhululekileyo, ukudalwa kwemisebenzi kunye namalungelo eempahla zabucala.
  5. Ukubuyiselwa emgangathweni kwezomthetho nokuhlalisana, ukubeka phambili ukukhuselwa nokunqatyiswa kwabemi, nokuqinisekiswa kolawulo lwemida.
  6. Ukubuyiselwa emgangathweni konakekelo lwempilo nokufikeleleka kwalo.
  7. Ukulondolozwa kwemimindla esingqongileyo kunye nemithombo yendalo ngokuthi kuphuhliswe izinto ngendlela ethwalekayo.
  8. Ukukhuthazwa kwemfundo esemgangathweni ngolwimi lwenkobe nesekelwe eluntwini.
  9. Ukudalwa kweemeko ezixabisa amacandelo ezolimo, ezamahlathi kunye nokuloba, ngelixa kukhuselwa ukufumaneka kokutya.
  10. Ukwakha ubutyebi ngokuxhobisa abantu ngokwenene, kungakhange kusetyenziswe imigaqo-nkqubo yeAffirmative Action neBlack Economic Empowerment esekelwe kuhlanga – kukhuthazwe ukufikelela ngokulinganayo kumathuba.

Masakhe ikamva elingcono!

Wil jy voortgaan in Afrikaans of Engels?

Kies hieronder.

Would you like to continue in English or Afrikaans?

Choose below.